INGOMA 93
Sikelela Ukudibana Kwethu
-
1. Yehova sisikelele,
Njengoko sidibene.
Siyazixabisa zonke
Iintlanganiso zethu.
-
2. Sicela usifundise
Ngalo iLizwi lakho.
Qeqesha iingqondo zethu
Kwaneentliziyo zethu.
-
3. Sikelela le ndibano,
Senze sibe noxolo.
Ukuze sikudumise
Ngamazwi nangezenzo.
(Funda nezi: INdu. 22:22; 34:3; Isa. 50:4.)