Yiya kwinkcazelo

Ingxelo Yentlanganiso Yonyaka Ka-2014

Iminyaka Eyi-100 Yokulawula KoBukumkani!

Ingxelo Yentlanganiso Yonyaka Ka-2014

Ngo-Oktobha 4, 2014, abantu abamalunga nabayi-19 000 bebeze kwintlanganiso yonyaka ye-130 yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Ucwangciso belubanjelwe kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova eJersey City, eNew Jersey, eMerika, ibe abanye bebebukele kwividiyo bekwezinye iindawo.

Usihlalo wale ntlanganiso ibinguMark Sanderson, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Kumazwi akhe okuvula, uMzalwan’ uSanderson wagxininisa ukuba intlanganiso yalo nyaka yimbali, kuba yiminyaka eyi-100 kumiselwe uBukumkani obungoMesiya.

UMzalwan’ uSanderson waphinda wathetha ngezinto ezintathu eziye zaphunyezwa buBukumkani ebudeni bale minyaka iyi-100:

  • Umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Besikelelwa nguYehova, abantu bakhe baye bazibhokoxa ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Inani labavakalisi liye landa kuba ngo-1914 bebembalwa kodwa ngonyaka wenkonzo ka-2014 bangaphezu kwezigidi ezisibhozo. Siza kuqhubeka sishumayela ngenzondelelo de uYehova athi kugqityiwe.

  • Ukukhuselwa kwabantu abaza kulawulwa buBukumkani njengeqela. Abefundisi neenkokeli zezopolitiko ziye zawachasa ngokukrakra amaNgqina kaYehova ibe zikhe zazama nokuwaval’ umlomo. Kodwa ke, uYehova uye wabakhusela njengeqela abakhonzi bakhe. Ukoyisa kwiinkundla ezininzi, njengakwiNkundla Ephakamileyo yaseMerika neNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu kubonisa phandle ukuba uYehova uyasikhusela.

  • Ukumanyana kwabantu abahlukahlukeneyo. UBukumkani bukaThixo buye bamanyanisa abantu abaneemvelaphi neelwimi ezingafaniyo, bubanceda bamelane neengxaki ezahlukahlukeneyo. UMzalwan’ uSanderson wathi: “NguYehova uThixo kuphela onokukwazi ukuwenza lo mmangaliso.” Wabethelela indlela bonke abo babekhona abanelungelo ngayo ngokubakho kwabo kule ntlanganiso yonyaka ingasoze ilibaleke.

Iividiyo Ezinomxholo Othi Yiba Ngumhlobo KaYehova.

Kwaphindwa kwathethwa ngezi vidiyo zabantwana, ekusele iyiminyaka engaphezu kwemibini sizinandipha. UMzalwan’ uSanderson waqala ngokutshayelela ividiyo yodliwano-ndlebe olwenziwe nabantwana abasuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Ababekho bachukumiseka yindlela abantwana abakuxabisa ngayo oko bakufunde kwezi vidiyo.

Kwaboniswa ividiyo entsha. Inomxholo othi, “UYehova Uza Kukunceda Ube Nesibindi.” Le vidiyo yemizuzu eyi-12 yenza libe lelokwenene ibali lentombazana engumSirayeli, eyaba nenkalipho yokuthetha ngoYehova kwinkosikazi kaNahaman. (2 Kumkani 5:1-14) Le vidiyo yafakwa ku-jw.org ngoMvulo, ngo-Oktobha 6, 2014 ibe ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-20.

IJW Language.

UMzalwan’ uSanderson wenza isaziso ngale ndlela intsha eza kunceda amaNgqina kaYehova afunde olunye ulwimi ukuze ashumayele. IJW Language inamagama namabinzana angaphezu kwayi-4 000 ngeelwimi eziyi-18. Ekuhambeni kwexesha kuza kufakwa namanye amagama, amabinzana, iintshumayelo zasentsimini nezinye izinto.

Usasazo LwamaNgqina KaYehova.

Ababekho bachulumanca bakuva ukuba kuza kubakho isitishi sikamabonwakude samaNgqina kaYehova kwi-intanethi, esifumaneka ngesiNgesi. Esi sitishi, sikwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York, eMerika siza kubonisa iividiyo, umculo nofundo lweBhayibhile olurekhodiweyo. Ukongezelela, nyanga nganye kuza kubakho inkqubo eza kube iqhutywa lilungu leQumrhu Elilawulayo okanye abazalwana abalincedisayo.

UMzalwan’ uSanderson wasibukelisa enye yezi nkqubo. Isenziwa nguStephen Lett weQumrhu Elilawulayo, le nkqubo yayibonisa umsebenzi owenziwayo ukuze kulungiselelwe olu sasazo. Olu sasazo luqale ukusebenza ngo-Oktobha 6, 2014 ibe unokungena kulo ngokuya kwiwebhsayithi ethi tv.ps8318.com.

“UBukumkani Buneminyaka Eyi-100 Bulawula.”

USamuel Herd weQumrhu Elilawulayo wadlala ividiyo ethetha ngendlela uBukumkani bukaThixo obuye banceda ngayo ekuphuculeni umsebenzi wethu wokushumayela. Ibonisa imbali, imiboniso namava abaliswa ngamaNgqina angamagqala. Le vidiyo ikwabalaselisa ukusetyenziswa kwe-“Photo-Drama of Creation” igramafoni, amakhadi anesigidimi, izibhengezo eziphethwe ngamangqina neemoto ezinesandisi-lizwi nelungiselelo lezikolo zokusiqeqeshela intsimi.

Ngokuhlala sicinga ngoko uBukumkani sele bukuphumezile kule minyaka iyi-100, sitsho sikulangazelela oko buseza kukuphumeza kwikamva.

Iingoma Zonqulo.

Bachulumanca bonke ababekho xa uDavid Splane weQumrhu Elilawulayo wenza isaziso sokuba baceba ukuhlaziya iculo lethu elithi, Culela UYehova. Iqweqwe lalo liza kufana neleNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo. Ukwenziwa kwalo ngezinto ezisemgangathweni kubonisa indlela umculo obaluleke ngayo ekunquleni.

Kwakhona uMzalwan’ uSplane wathi kuza kongezwa ezinye iingoma ezimbalwa ezintsha eculweni. Kodwa akuyomfuneko ukuba silinde de iculo elihlaziyiweyo liprintwe ngaphambi kokuba sicule iingoma ezintsha. Ziza kufakwa ku-jw.org ukugqitywa nje kwazo.

Kule ntlanganiso yonyaka kwaculwa iingoma ezintsha ezintathu, ebeziqheliselwe ngamalungu aseBheteli ekuqaleni kwaloo veki. UMzalwan’ uSplane wayiculisa ngokwakhe ingoma enomxholo othi, “UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!” Le ngoma yaqanjwa ngokukhethekileyo kuba ihambelana neminyaka eyi-100 yokuzalwa koBukumkani. Emva kokuba ikwayara iyiculile, yaphinda yayicula kunye nabantu ababekho. Ebudeni bocwangciso, ikwayara nabantu ababekho baphinda bacula enye ingoma entsha enomxholo othi, “Sinike Inkalipho.

Udliwano-ndlebe.

UGerrit Lösch weQumrhu Elilawulayo wadlan’ indlebe nezibini ezitshatileyo ezintathu ezineminyaka emininzi ziseBheteli. Zabalisa ngotshintsho eziye zalubona lusenzeka ebudeni baloo minyaka. UMzalwan’ uLösch wathi iBhayibhile yaxela kwangaphambili ngotshintsho olwenzeka entlanganweni ibe wabongoza bonke ukuba bahambisane nentlangano kaYehova.—Isaya 60:17.

“Izinto Ezifuziselayo Nezokoqobo.”

UMzalwan’ uSplane wanikela intetho eyayichaza isizathu sokuba uncwadi lwethu lwakutshanje lungasathethi ngezinto ezifuziselayo nezokoqobo njengoko kwakunjalo ngaphambili.

Ngaphambili, amadoda namabhinqa anyanisekileyo ekuthethwe ngawo eBhayibhileni kwakudla ngokuthiwa amela amaKristu athile anyanisekileyo anamhlanje. Kwakhona, iingxelo eziliqela zeBhayibhile kwakucingwa ukuba zimela iziganeko ezinento yokwenza nabakhonzi bakaThixo namhlanje. Kuyavunywa ukuba kuyachulumancisa ukufunda ngezi zinto. Kutheni uncwadi lwethu lwakutshanje lungasathethi kangako ngezinto ezifuziselayo nezokoqobo?

IZibhalo zibonisa ukuba ezinye izinto okanye iziganeko zimela umntu othile okanye into ethile ebalulekileyo. Apho iBhayibhile ithetha ngokucacileyo ngokunxibelelana okukhoyo phakathi kwezinto ezifuziselayo nezokoqobo kuba lula ukuyamkela loo nto. UMzalwan’ uSplane wathi: “Kodwa xa kungekho nto ichazwa yiBhayibhile nathi sifanele sithule.” Sifanele sikuphephe ukuthetha into engathethwayo yiBhayibhile. Ukongezelela, ukuba sichith’ ixesha elininzi sijonga ukuba isibhalo siyafuzisela okanye sibhekisela kwinto yokoqobo kusini na, sisenokungayiboni indlela esinokusisebenzisa ngayo kubomi bethu bemihla ngemihla enoba sinethemba lasezulwini okanye elasemhlabeni.—Roma 15:4. a

“Ngaba Uza ‘Kuhlala Ulindile’?”

Le ntetho yanikelwa nguMzalwan’ uLett, yalungisa indlela ebesikade siwuqonda ngayo umzekelo kaYesu weentombi ezilishumi ezinyulu. (Mateyu 25:1-13) Lo mzekeliso siwuqonda ngale ndlela ngoku: Umyeni nguYesu ibe iintombi ezinyulu ngabalandeli abathanjisiweyo bakaYesu. (Luka 5:34, 35; 2 Korinte 11:2) Lo mzekeliso ubhekisela kwimihla yokugqibela, incopho yawo isebudeni bembandezelo enkulu. Echaza iintombi ezinyulu ezintlanu eziziziyatha, uYesu wayengathi uninzi lwabakhonzi abathanjisiweyo baza kuzingqina benganyanisekanga kuze kufuneke kufakwe abanye endaweni yabo. Kunoko, wayedlulisela isilumkiso. Kanye njengokuba iintombi ezintlanu ezinyulu zaziziingqondi ibe ezinye ezintlanu zaziziziyatha, mthanjiswa ngamnye wayezikhethela enoba uza kunyaniseka okanye uza kunganyaniseki.

Ekubeni singafuni ukuthetha izinto ezingathethwayo yiBhayibhile, asifuni kukhangela umzekeliso wanamhlanje ohambelana ngqo nalo mzekeliso wezi ntombi zinyulu zilishumi. Kunoko, sijonga into esiyifundayo kulo mzekeliso. Enoba sithanjisiwe okanye ‘singabezinye izimvu,’ sonke sinembopheleleko yokuba zizikhanyiso size ‘sihlale silindile.’ (Yohane 10:16; Marko 13:37; Mateyu 5:16) Akukho mntu unokunyaniseka endaweni yethu. Mntu ngamnye ‘ufanele anyule ubomi’ ngokuhlala ephaphile aze akhuthale ekushumayeleni.​—Duteronomi 30:19.

“Umzekeliso Weetalente.”

Kwintetho eyalandelayo, uAnthony Morris weQumrhu Elilawulayo walungisa indlela esiwuqonda ngayo umzekeliso weetalente. (Mateyu 25:14-30) Ngoku siyayiqonda into yokuba inkosi ekulo mzekeliso (uYesu) iza kuwavuza amakhoboka (abalandeli bakhe abathanjisiweyo abathembekileyo abalapha emhlabeni) kwikamva xa efika, aze abathabathele kuye ezulwini. Xa wayethetha ngoko kuza kwenzeka ‘kwikhoboka elingendawo nelidangeleyo,’ uYesu wayengaprofeti ngokuba inani elikhulu labalandeli bakhe abathanjisiweyo lalingazi kuthembeka. Kunoko, wayelumkisa abathanjiswa ngemfuneko yokuba bahlale bephaphile baze baphephe isimo sengqondo nezinto zekhoboka elingendawo.

Ziintoni esizifundayo kulo mzekeliso? Inkosi kulo mzekeliso iphathise amakhoboka ayo into exabisekileyo. Ngokufanayo, uYesu uphathise abalandeli bakhe into ayijonga njengexabisekileyo—ukushumayela nokwenza abafundi. Ulindele ukuba sonke sizibhokoxe kulo msebenzi, ngokweemeko zethu. UMzalwan’ uMorris wabancoma bonke ababekho ngenzondelelo yabo kulo msebenzi woBukumkani.

“Ngubani Oza Kuhlasela Abantu BakaThixo Kungekudala?”

Lo mbuzo ubangel’ umdla, ngumxholo wentetho yokugqibela eyayinikelwa nguGeoffrey Jackson weQumrhu Elilawulayo. UMzalwan’ uJackson wathetha ngokuhlaselwa kwabantu bakaThixo kwikamva, apho uGogi wakwamaGogi eza kube etshotsha phambili.​—Hezekile 38:14-23.

Besikade sisithi uGogi lelinye igama likaSathana uMtyholi emva kokuba egxothwe ezulwini. Kodwa ke, uMzalwan’ uJackson wathi mininzi imibuzo ephakamayo ngale nkcazelo. Ngokomzekelo, uYehova waxela kwangaphambili ukuba xa uGogi esoyiswa, uYehova uza ‘kunikela uGogi ezintakeni ezidla inyama nakumarhamncwa asendle.’ (Hezekile 39:4) Kwakhona uYehova waprofeta wathi “uGogi naso sonke isihlwele sakhe” baza kungcwatyelwa aph’ emhlabeni. (Hezekile 39:11) Kodwa zingenzeka njani ezo zinto kwisidalwa somoya? USathana uza kuphoswa enzonzobileni kangangeminyaka eyi-1 000, akazi kudliwa okanye angcwatywe. (ISityhilelo 20:1, 2) Ukongezelela, ekupheleni kweminyaka eyi-1 000, uSathana uza kukhutshwa enzonzobileni ibe ‘uza kulahlekisa iintlanga ezikwiimbombo zone zomhlaba, uGogi noMagogi.’ (ISityhilelo 20:7, 8) Licacile elokuba, uSathana akanakulahlekisa uGogi ukuba unguGogi.

UMzalwan’ Jackson wachaza ukuba uGogi wakwaMagogi wesiprofeto sikaHezekile ufanele ukuba umele kungekhona uSathana kodwa ingqokelela yeentlanga eziza kuhlasela abantu bakaThixo kwikamva. Ukuhlasela kukaGogi kunokwenzeka ukuba kuyafana nokuhlasela ‘kokumkani wasemntla’ nokuhlasela ‘kookumkani bomhlaba.’—Daniyeli 11:40, 44, 45; ISityhilelo 17:12-14; 19:19.

Ngubani ke lo ‘kumkani wasemntla?’ Sakube sive. Sekunjalo, kuqinis’ ukholo ukubona indlela eziqhubeka zihlaziywa ngayo ezi ziganeko ziza kwenzeka kwikamva njengoko sisondela kulo. Asikoyiki ukuhlaselwa, kuba siyazi ukuba uGogi wakwaMagogi uza koyiswa ngokupheleleyo ngoxa bona abantu bakaThixo beza kuhlala bekho ngonaphakade. b

Ukuqukumbela.

UMzalwan’ uSanderson wenza isaziso sokuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha encinane ngoku iyafumaneka. Kwakhona, kulungiselelwa ukuba iBhayibhile irekhodwe ngabantu abahlukahlukeneyo abaza kuba ngabalinganiswa babantu abaseBhayibhileni. Iinxalenye ezisele zirekhodiwe ziza kumana zifakwa ku-jw.org ibe kuza kuqalwa ngencwadi kaMateyu.

UMzalwan’ uSanderson wenza isaziso somxholo wonyaka ka-2015 osekelwe kwiNdumiso 106:1 othi: “Bulelani kuYehova, kuba ulungile.” Wabakhuthaza bonke ukuba bakhangele izinto abanokumbulela ngazo uYehova suku ngalunye.

Ingoma yokuqukumbela yayiyingoma yesithathu kwiingoma ezintsha, enomxholo othi “UYehova Ligama Lakho.” Onke amalungu asixhenxe eQumrhu Elilawulayo angena ekwayareni eyayiseqongeni njengoko nababekho babecula le ngoma imnandi neyiqukumbele kakuhle le ntlanganiso ingasoze ilibaleke!

a Le ntetho nezimbini ezalandelayo yona zisekelwe kumanqaku akwiMboniselo kaMatshi 15, 2015.

b Le ntetho isekelwe kwinqaku elikwiMboniselo kaMeyi 15, 2015.