Yiya kwinkcazelo

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: UAleksey Budenchuk, uKonstantin Bazhenov, uFeliks Makhammadiyev, uAleksey Miretskiy, uRoman Gridasov noGennadiy German, ngaphambi kokuba babanjwe

SEPTEMBA 23, 2019
ERASHIYA

Abanye Abazalwana Abathandathu ERashiya Bafunyaniswe Benetyala Baza Babanjwa

Abanye Abazalwana Abathandathu ERashiya Bafunyaniswe Benetyala Baza Babanjwa

NgoLwesine, ngoSeptemba 19, 2019, abazalwana abathandathu bakwidolophu yaseRashiya iSaratov, bafunyaniswe benetyala baza bagwetywa ukuba bahlale etrongweni ngenxa nje yokuba ngamaNgqina KaYehova.

Ijaji uDmitry Larin weNkundla Yesithili iLeninsky yaseSaratov igwebe uMzalwana uKonstantin Bazhenov noMzalwana uAleksey Budenchuk iminyaka emithathu neenyanga ezintandathu etrongweni. UMzalwana uFeliks Makhammadiyev yena ugwetywe iminyaka emithathu waza uMzalwana uRoman Gridasov, uGennadiy German, noAleksey Miretskiy bagwetywa iminyaka emibini. Ijaji iphinde yathi xa bephumile etrongweni bonke aba bazalwana abazukuvunyelwa ukuba balathise nayiphi na intlangano kangangeminyaka emihlanu. Aba bazalwana baza kubhena.

Kuthiwe aba bazalwana bathandathu bafunyaniswe benetyala emva kokuba abasemagunyeni baseRashiya bengene baza bagqogqa kumakhaya amaNgqina eSaratov, ngoJuni 12, 2018. Bonke aba bazalwana baneentsapho, kodwa yena uMzalwana uBudenchuk unabantwana ababini abasesesikolweni. UMzalwana uBudenchuk, uBazhenov noMakhammadiyev bebevalelwe phantse kangangonyaka, belinde ukuxoxwa kwetyala labo.

Kumazwi abo okugqibela enkundleni, aba bazalwana bathethe ngeevesi zeBhayibhile eziliqela ezibancede abagungqa baza bathi ababacaphukeli abantu ababatyholayo.

Ngoku iRashiya ifumanise abazalwana abasixhenxe benetyala yaza yabagweba. Bangaphezu kwe-250 abazalwana noodade eRashiya abafunyaniswe benetyala lokwaphula umthetho. Kwaba bazalwana kukho abayi-41 abavalelweyo ngoku besalinde kuxoxwa amatyala abo. Bona abayi-23 bavalelwe ezindlini.

Sithandazela ukuba bonke abazalwana noodadewethu abathembekileyo nabanesibindi baseRashiya ‘bomelezwe ngawo onke amandla akhe [uYehova] azukileyo ukuze banyamezele ngokupheleleyo ngomonde yaye nivuya.’​—Kolose 1:11.