Yiya kwinkcazelo

MATSHI 21, 2017
ERASHIYA

AmaNgqina KaYehova Aceba Iphulo Lokuphendula Kwizisongelo Zokuvalwa Komsebenzi Wawo ERashiya

AmaNgqina KaYehova Aceba Iphulo Lokuphendula Kwizisongelo Zokuvalwa Komsebenzi Wawo ERashiya

ENEW YORK—AmaNgqina KaYehova afaka isicelo kurhulumente nakwiNkundla Ephakamileyo yaseRashiya sokuba onke abe kwiphulo lokubhala ileta kuba esoyikiswa ngokuvalwa komsebenzi wawo okusele kuza kwenzeka eRashiya. IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova licela amaNgqina asehlabathini lonke angaphezu kwayi-8 000 000 ukuba ayibhale le leta.

NgoMatshi 15, 2017, iSebe Lobulungisa LaseRashiya lafaka isicelo kwiNkundla Ephakamileyo YaseRashiya sokuba kutyatyekwe iZiko Lolawulo LamaNgqina KaYehova ngezityholo zokuba liyingozi ibe kufuneka livalwe. Esi sicelo sikwafuna nokuba kuyekiswe nomsebenzi owenziwayo kweli Ziko. Ukuba iNkundla Ephakamileyo ihambisana nesi sicelo, iofisi yesebe yamaNgqina ekufutshane neSt. Petersburg iza kuvalwa. Emva koko, ezinye iiofisi ezibhalisiweyo zamaNgqina ezisekuhlaleni eziyi-400 ziza kuvalwa zize ziyeke ukunceda amabandla amaNgqina KaYehova aseRashiya angaphezu kwayi-2 300. Iofisi yesebe neendawo amaNgqina anqulela kuzo ezikulo lonke elo, zisenokuthathwa nguRhulumente. Ukongezelela, amaNgqina KaYehova anokuba zizisulu zokutshutshiswa ngenxa yokuba kusithiwa ophula umthetho kuba nje enqula. Kulindeleke ukuba iNkundla Ephakamileyo yenze isigqibo ngesicelo ngoAprili 5.

UDavid A. Semonian, osisithethi samaNgqina kwikomkhulu lehlabathi uthi: “IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova lifuna ukuba ikhe iqwalaselwe le nyewe. Ukutshutshiswa kwabantu abanobubele nabathobelayo ngokungathi ngabagrogrisi kukusetyenziswa kakubi komthetho ongezinto eziyingozi. Le ntshutshiso isekelwe kubungqina obungenasihlahla.”

Aliqali ukwenziwa eli phulo ngamaNgqina. Kwiminyaka ephantse ibe yi-20 eyadlulayo, amaNgqina abhala ethethelela amanye aseRashiya kwiphulo lokusasaza ubuxoki ngawo elalisenziwa ngabantu abathile ababelawula ngelo xesha. Ukongezelela, amaNgqina enza amaphulo okubhala iileta ukuze akhuthaze amagosa karhulumente ukuba ayeke ukutshutshisa amaNgqina akwamanye amazwe njengaseJordan, eKorea naseMalawi.

UMnumzan’ uSemonian woleka ngelithi: “Kucacile ukuba ukufunda iBhayibhile, ukucula nokuthandaza kunye asikokwaphul’ umthetho. Sinethemba lokuba iphulo lethu lokubhala ileta liza kwenza amagosa aseRashiya ayeke ukungabi nabulungisa kumaNgqina aseRashiya.”

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ERashiya: UYaroslav Sivulskiy, +7-812-702-2691