Yiya kwinkcazelo

ERASHIYA

Babanjelwe Ukholo Lwabo

Babanjelwe Ukholo Lwabo

NgoMeyi 25, 2017, amapolisa axhobe afohlela nabezokhuseleko aphazamisa inkonzo eqhutywa veki nganye ngamaNgqina KaYehova eOryol, eRashiya. Ngenxa yokuba abasemagunyeni bezivalile iiofisi zamaNgqina zasekuhlaleni ngoJuni 2016 besithi kuzo kwenziwa umsebenzi oyingozi, la mapolisa athi, iinkonzo eziqhutywayo ngoku ziqhutywa yinkonzo eyingozi.

Umtshutshisi watyhola uDennis Christensen, ongumdala kwibandla laseOryol ngokwaphula umthetho kuba wayefundisa enkonzweni. Inkundla Yesithili YaseSovietsky yakhupha umyalelo othi, uMnumzan’ uChristensen makagcinwe entolongweni de kube ngoJulayi 23, 2017, loo nto iza kuvulela abezokhuseleko ithuba lokuba baze nobungqina nabantu abaza kungqina kweli tyala bambeka lona. Isikhalazo esiphikisa lo myalelo safakwa enkundleni ngoMeyi 29, 2017. Xa bekuxoxwa ityala ngoJuni 21, 2017, inkundla ayisimamelanga isikhalazo esifakiweyo isithi uMnumzan’ uChristensen makagcinwe entolongweni. NgoJulayi 20, 2017, iNkundla Yesithili SaseSovietsky eOryol yalandisa ixesha lokuhlala entolongweni kukaDennis Christensen ngaphambi kokuba axoxe ityala laya kutsho ngoNovemba 23, 2017. Ukuba uMnumzan’ uChristensen ufunyaniswa enetyala ngokwenxalenye 1 yeGaba 282.2 elingokwaphula umthetho, unokuhlala entolongweni iminyaka emithandathu ukuya kwelishumi.

Iofisi yoonozakuzaku baseDenmark eseMoscow yaziswa ngokukhawuleza ngokubanjwa kukaMnumzan’ uChristensen, ongumhlali waseDenmark ibe abameli bale ofisi baya kuye entolongweni. Bathi uphethwe kakuhle.

Inkundla Ephakamileyo YaseRashiya Igweba Ngokungafanelekanga

Kwityala lokuvalwa kweeofisi zamaNgqina zasekuhlaleni, abasemagunyeni bahlola iziko lezi ofisi baza bafumana iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ezazifihlwe ngabasemagunyeni, nangona amaNgqina ayezisuse kudala ezi ncwadi. Abatshutshisi bathi ukufunyanwa kwezi ncwadi bubungqina bokuba “kugcinwe iincwadi ekuthiwe ziyingozi ukuze zisasazwe.” Xa bekumanyelwe isibheno, iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya isixhasile isigwebo sokuvalwa kweeofisi zasekuhlaleni zamaNgqina eziseOryol.

NgoMatshi 2017, Isebe Lezobulungisa LaseRashiya lavula ityala ngeZiko LamaNgqina KaYehova neeofisi zawo zonke zasekuhlaleni. Emva kokuba iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya ngoAprili 20, 2017 igwebe ngelithi amaNgqina akavumelekanga ukuba akhonze eRashiya, amaNgqina abhena. AmaNgqina aphikisa ukuchazwa kwawo “njengayingozi” esithi angabantu abanoxolo. Njengokuba kwakunjalo kwityala laseOryol, “ubungqina” obabuxhasa ukuba ayingozi yayibubuxoki bamapolisa ibe nokuhlolwa kweencwadi zawo ziingcali zikarhulumente kwakungenziwanga ngendlela efanelekileyo.

Kukhuselwa Abantu Ukuba Bakhonze Ngokukhululekileyo

Xa kwaphazanyiswa inkonzo ngoMeyi 25, 2017, amaNgqina ayedibene njengabantu abazifundela iBhayibhile kungekhona abantu benkonzo ethile. AmaNgqina KaYehova afaka izibheno kuzo zonke iinkundla zaseRashiya nakwimibutho yehlabathi ngenxa kaDennis Christensen namaNgqina KaYehova onke aseRashiya.

Izinto Ezenzekileyo

  1. NgoJulayi 20, 2017

    INkundla Yesithili SaseSovietsky yalandisa ixesha lokuhlala entolongweni kukaDennis Christensen ngaphambi kokuba axoxe ityala laya kutsho ngoNovemba 23, 2017.

  2. NgoJuni 21, 2017

    Kwisibheno, inkundla yayalela ukuba uMnumzan’ uChristensen agcinwe entolongweni ngaphambi kokuba kuxoxwe ityala lakhe.

  3. NgoMeyi 26, 2017

    Inkundla yagweba uMnumzan’ uChristensen ukuba avalelwe entolongweni iinyanga ezimbini ngaphambi kokuba kuxoxwe ityala lakhe.

  4. NgoMeyi 25, 2017

    Inkonzo eyayiqhutywa eOryol yaphazanyiswa noMnumzan’ uDennis Christensen wabanjwa.