Yiya kwinkcazelo

Isakhiwo esiwileyo kwidolophu yase-Antakya, eTurkey

FEBRUWARI 10, 2023 | IHLAZIYIWE: NGOFEBRUWARI 17, 2023
ETURKEY

INGXELO—Abantu Abaninzi Behlelwe Yinyikima Eyoyikisayo ETurkey

INGXELO—Abantu Abaninzi Behlelwe Yinyikima Eyoyikisayo ETurkey

NgoMvulo, ngoFebruwari 6 2023, inyikima enkulu engango-7.8 iye yahlasela umzantsi mpuma weTurkey. Emva koko, kwaphinda kwakho inyikima enkulu eye yahlasela kwindawo efanayo. Izithonga ezininzi ziye zaviwa kuloo ndawo. Kuye kwasweleka abantu abangaphezu kwe-38 000, ibe bangaphezu kwe-108 000 abaye bonzakala.

Izinto Ezenzeke Kubazalwana Noodade ETurkey

  • Okubuhlungu kukuba omnye udade osele ekhulile kwidolophu yase-Adana uye wasweleka. Kwakhona omnye umzalwana, inkosikazi yakhe nabantwana babo ababini abancinci baye basweleka kwidolophu yase-Adiyaman

  • Imizi emithathu iye yadilika yaphela

  • Imizi eyi-17 iye yamashokala kakhulu

  • Imizi eyi-22 iye yamoshakala kancinci

  • IHolo yoBukumkani enye imoshakele kakhulu

  • IiHolo zoBukumkani ezimbini zimoshakele kancinci

Ukunceda Emva Kwentlekele

  • Abazalwana abakhokelayo bathuthuzela abo behlelwe yintlekele besebenzisa iZibhalo

  • Kuye kwamiselwa iiKomiti Zokunceda Xa Kwehle Intlekele ezimbini

Umzalwana okwiKomiti YeSebe ukhuthaza abazalwana noodade ngeZibhalo kuquka abo amakhaya abo aye amoshakala okanye adilika

Nangona kukho iinyikima ezothusayo, abazalwana bayathuthuzeleka kukwazi ukuba uYehova ‘uyindawo yokubalekela namandla ethu, uncedo olufumaneka xa sisentlungwini.’—INdumiso 46:1.