EUkraine
IRiphabliki YaseDonetsk Iwuvalile Umsebenzi WamaNgqina KaYehova
Ukuvalwa komsebenzi wethu ibe yinto yokugqibela emva kokucinezelwa kwamaNgqina kaYehova empuma Ukraine.
Awavunyelwa AmaNgqina Ukukhonza Ngokukhululekileyo Kwiindawo EzikwiMpuma YeUkraine
AmaNgqina aphathwa kakubi ibe awakhonzi ngokukhululekileyo eLuhansk naseDonetsk.
Bekukho Amagosa Xa Bekubukwa Iofisi Yesebe YamaNgqina KaYehova EUkraine
NgoMeyi 2, 2017 bekuqalwa ukulungiselelwa abantu ukuba beze kubuka iofisi yethu yesebe eseUkraine ukususela ngo-2001.
Inkundla Ephakamileyo YaseUkraine Ixhasa Ukukhonza Kwabantu Ngokukhululekileyo
Ngoku amaNgqina KaYehova aseUkraine ayakwazi ukudibana kwizakhiwo ezirentiweyo ngaphandle kokuphazanyiswa.
Inkundla Ephakamileyo YaseUkraine Ikhusela Ilungelo Lokungavumi Ukuya Emkhosini Ngenxa Yesazela Xa Kuqokelelwa Abantu Bokulwa
Iinkundla zaseUkraine ziye zavuma ukuba ukwala ukuya emkhosini ngenxa yokungavunyelwa sisazela lilungelo elisisiseko labantu elifanele likhuselwe.
Ayahlaselwa Ngenxa Yeenkolelo Zawo KwiMpuma YeUkraine
Amaqela axhobileyo aye abamba aza angcungcuthekisa amaNgqina kaYehova ayi-26 kuba engazange azithobele iinkolelo zamaOthodoki nangenxa yokuba engathath’ icala kwezopolitiko. AmaNgqina awazange anikezele.
AmaNgqina KaYehova Asasaza Intlanganiso Ekhethekileyo Kummandla Wemfazwe EUkraine
AmaNgqina kaYehova eUkraine aba nentlanganiso ekhethekileyo ngoFebruwari 14, 2015, eyayilungiselelwe ukunceda ngokomoya amaNgqina angaphezu kwe-17 000 ahlala kummandla wemfazwe.
Iinkundla ZaseUkraine Ziyalihlonela Ilungelo Lokungayi Emkhosini Ngenxa Yesazela Ngexesha Lokufunwa Kwabantu Abaza Kuya Emkhosini
Iinkundla zaseUkraine zathi ilungelo lokungavunyelwa sisazela alinakungahoywa ngenxa yokuxhalabela ukhuseleko lwelizwe.
Izakhiwo Zonqulo Ezithinjiweyo EUkraine
Amadoda axhobileyo athimba iiHolo zoBukumkani kwimimandla yaseDonetsk naseLuhansk. Ngaba le yinto ezenzekeleyo okanye yinkcaso?
Inkcazelo Eyongezelelekileyo: AmaNgqina KaYehova Anceda Abantu Abaninzi EUkraine
Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseUkraine iqhubeka ilungiselela kwaye isasaza izinto zokunceda amaNgqina amaninzi athwaxwa yimfazwe kwimpuma yeUkraine.
Phezu Kwazo Nje Izidubedube ZaseUkraine AmaNgqina KaYehova Ahlanganisana Ngoxolo Aza Afumana NeBhayibhile
Njengoko kugqub’ imfazwe kwimpuma yeUkraine, amawaka-waka abantu ahlanganisana eLviv ukuze abekho kwindibano ethi, ‘Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!’ Kuye kwakhululwa neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ngesiUkraine.
Ukungasebenzi Kakuhle Kwamapolisa Kubangel’ Impatho-mbi EUkraine
Abahlaseli abaye bawaphatha kabuhlungu amaNgqina kaYehova abohlwaywa nokohlwaywa. Loo nto iphumele ekubeni inani lamaNgqina kaYehova ahlaselwayo lintinge ngokuphawulekayo.
Iindaba NgamaNgqina AseUkraine NaseCrimea
Nakubeni kuye kwaqhambuk’ udushe eUkraine naseCrimea, amaNgqina kaYehova aza kuba neendibano zengingqi ezimalunga neziyi-40 neziza kuthetha ngexesha laxa kulawula uBukumkani bukaThixo.
Ityala Ligwetywe Ngendlela Efanelekileyo EUkraine
INkundla Ephakamileyo yaseUkraine yazikhaba ngawo omane iinzame zokuhlutha umhlaba wamaNgqina kaYehova.