ULUTSHA LUYABUZA
Ndinokwenza Njani Ukuze Umzimba Wam Wehle?
Ndinyanzelekile phofu ukuba ndehle?
Olunye ulutsha luthi luyafuna ukwehla. Kodwa . . .
Luzikhathaza kakhulu ngobuhle kunokuba sempilweni. Ukuze bakhawuleze behle, abanye baye basele iipilisi zokuhlisa umzimba okanye bangatyi. Ziyingozi ke ezi zinto ibe azisoloko zisebenza.
“Amanye amantombazana axolela ukungatyi ukuze akhawuleze ehle. Le nto iyayimosha imizimba yawo ibe umzimba uthatha ixesha elide ukubuyela kwinto ubuyiyo.”—UHailey.
Luzikhathaza ngento ekude lee kulo. Imizimba yalo ayinangxaki kodwa xa lujonga olunye ulutsha okanye abantu olubabona kwi-intanethi lusenokuzibona ngathi lutyebile kuba luzithelekisa nabo.
“Xa ndandina-13 ndandifuna ukufana neetshomi zam. Ndandicinga ukuba baza kundithanda xa ndifana nabo kuba imizimba yabo yayimincinci kakhulu.”—UPaola.
Kodwa ke, olunye ulutsha lona lunyanzelekile ukuba lehle. IWorld Health Organization ithi . . .
Ehlabathini lonke, kukho abantu abasebatsha abayi-340 miliyoni abaneminyaka ephakathi kweyi-5 neyi-19 abatyebe kakhulu.
Ngo-1975 yayiyi-4 pesenti yaba bantwana baphakathi kweminyaka eyi-5 neyi-19 ababetyebe kakhulu kodwa ngo-2016 yenyuka yaba yi-18 pesenti.
Kwindawo ezininzi emhlabeni wonke kuqhelekile ukubona abantu batyebe kakhulu kunabo banciphe kakhulu.
Kuqhelekile ukubona abantu abatyebe kakhulu kumazwe angena mali nakumakhaya angenako ukutya okusempilweni.
Yeyiphi eyona ndlela ndifanele ndiyisebenzise ukuze ndehle?
Ungakhetha eyiphi kwezi?
Ukungatyi.
Ukujima nokutya kakuhle.
Ukusebenzisa iipilisi zokwehla.
Impendulo echanileyo: Ngu-2: Ukujima nokutya kakuhle. Ukungatyi kunokukunceda ukhawuleze wehle. Kodwa loo nto ayikho sempilweni ibe uza kuphinda utyebe xa uphinde waqalisa ukutya.
Kwelinye icala, ukuba uyazimisela ukuba sempilweni uza kuba mhle ibe uza kuzithanda. UMichael Bradley ongugqirha uthi: “Ukuba ufuna umzimba wakho wehle ixesha elide ngendlela ekhuselekileyo nesempilweni, tshintsha indlela otya nophila ngayo ibe ungaphindi ubuyele umva.” a Nantsi eyona nto ibalulekileyo. Ukuba ufuna ukwehla, sukucinga ngedayethi kodwa cinga ngendlela oza kutya noza kuphila ngayo ubomi bakho bonke.
Into endinokuyenza
IBhayibhile isixelela ukuba ‘singabaxi xa sisenza izinto’ njengaxa sisitya. (1 Timoti 3:11) Ide ithi masingatyi kakhulu. (IMizekeliso 23:20; Luka 21:34) Usacinga ngezi zibhalo, khawukhe uzame la macebiso:
Yazi ukuba kuthetha ukuthini ukutya ukutya okusempilweni.
Akunyanzelekanga ukuba ufunde yonke into ethetha ngokuba sempilweni, kodwa ukwazi nje izinto ezibalulekileyo ngokutya okusempilweni kungakunceda. Ukutya kakuhle yeyona ndlela ibhetele inokukunceda ukuba uhlale unomzimba osempilweni.
Jima.
Cinga ngezinto onokuzenza yonke imihla ukuze uhlale usemandleni. Ngokomzekelo kunokuba usebenzise ilift sebenzisa izitepsi. Thatha imizuzu eyi-30 kwela xesha ulichitha ubukela iTV, ukuze wolule imilenze.
Yitya ukutya okusempilweni.
USophia osemtsha uthi: “Ndisoloko ndinezinto ezimnandi kodwa ezisempilweni, njengefruthi. Loo nto iyandinceda ukuze ndingazityi izinto ezingekho sempilweni.”
Sukukhawulezisa xa usitya.
Abanye abantu bayakhawulezisa xa besitya bade bangaziboni nokuba bahluthi. Sukungxama! Sukukhawuleza ukuphinda uphake xa ugqibile ukutya. Usenokufumanisa ukuba awulambanga ngale ndlela ucinga ngayo.
Zigade iicalories ozityayo.
Lifunde iqweqwe lale nto uyithengayo ukuze ubone ukuba isempilweni na. Icebiso: Iidrinki ezihlwahlwazayo, ukutya okunamafutha okuthengiswa ezivenkileni kunye nezinto eziswiti zezona zinto zinokumenza umntu atyebe.
Sukubaxa.
USara oneminyaka eyi-16 uthi: “Ndlela le ndandizigade ngayo iicalories, ndandisithi qho xa ndibona ukutya ndicinge ngazo!” Sukuba ngumantshingilane weecalories. Akunyanzelekanga ukuba uzivimbe izinto ezimnandi ngalo lonke ixesha kuba zineecalories.
Icebiso: Xelela ugqirha wakho ukuba ufuna ukwehla. Angakunceda kuba yena uyawazi umzimba wakho ibe angakuchazela izinto omele uzenze, omele uzitye nomele ungazityi.
a La mazwi athathwe kwincwadi ethi When Things Get Crazy With Your Teen.