Ngubani Okanye Yintoni Ilizwi LikaThixo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Ibinzana elithi “ilizwi likaThixo” lidla ngokubhekisela kumyalezo okanye imiyalezo kaThixo. (Luka 11:28) Kwiivesi ezithile zeBhayibhile, xa kuthethwa ngomntu kuthiwa “nguLizwi likaThixo” okanye ‘nguLizwi.’—ISityhilelo 19:13; Yohane 1:14.
Umyalezo kaThixo. Abaprofeti babedla ngokuthi imiyalezo ababeyichaza yayililizwi likaThixo. Ngokomzekelo, xa uYeremiya eprofeta wayeqala ngokuthi “kwafika ilizwi likaYehova kum.” (Yeremiya 1:4, 11, 13; 2:1) Xa wayeza kuxelela uSawule ukuba uThixo ukhethe yena ukuba abe ngukumkani, umprofeti uSamuweli wathi: “Yima ngxi ukuze ndikuvise ilizwi likaThixo.”—1 Samuweli 9:27.
Igama lomntu. Xa ithetha ngoYesu Kristu ngoxa ekumzimba womoya ezulwini naxa wayelapha emhlabeni, iBhayibhile ithi ‘nguLizwi.’ Nazi izizathu ezibangela ukuba itsho:
ULizwi wayephila ngaphambi kokubakho kwayo yonke indalo. “Ekuqaleni wayekho uLizwi. . . Ekuqaleni yena wayekunye noThixo.” (Yohane 1:1, 2) UYesu ‘ulizibulo kwindalo yonke; ungaphambi kwazo zonke ezinye izinto.’—Kolose 1:13-15, 17.
ULizwi weza emhlabeni engumntu. “ULizwi waba yinyama waza wahlala phakathi kwethu.” (Yohane 1:14) UKristu Yesu “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu.”—Filipi 2:5-7.
ULizwi nguNyana kaThixo. Emva kokuba ethe “uLizwi waba yinyama,” njengokuba kuchazwe ngasentla, umpostile uYohane wathi: “Salubona uzuko lwakhe, uzuko olunjengolo lonyana okuphela kozelweyo nguyise.” (Yohane 1:14) UYohane waphinda wathi: ‘UYesu nguNyana kaThixo.”—1 Yohane 4:15.
ULizwi uneempawu ezifana nezikaThixo. “ULizwi wayenguthixo.” (Yohane 1:1) UYesu “uyimbonakaliso yozuko lwakhe [uThixo] nembonakaliso yoko kanye akuko.”—Hebhere 1:2, 3.
ULizwi ngukumkani. IBhayibhile ithi kwintloko kaLizwi likaThixo kukho ‘izithsaba ezininzi.’ (ISityhilelo 19:12, 13) ULizwi ukwabizwa ngokuthi ‘nguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.’ (ISityhilelo 19:16) NoYesu ubizwa ngendlela efanayo.—1 Timoti 6:14, 15.
ULizwi sisithethi sikaThixo. Igama elithi “uLizwi” kusenokwenzeka ukuba lichaza umnikazi walo ngokuthi ngulowo usetyenziswa nguThixo ukudlulisela inkcazelo okanye imiyalelo yakhe. UYesu wathi wenza kanye loo nto: “UBawo ondithumileyo undinike umyalelo mayela noko mandikuxele noko mandikuthethe. . . . Ngoko ke izinto endizithethayo, kanye njengoko uBawo endixelele zona, ndenjenjalo ukuzithetha.”—Yohane 12:49, 50.