Ngaba Ukungcakaza Sisono?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Nangona iBhayibhile ingathethi ngokweenkcukacha ngokungcakaza, sinokuzigqibela ngokusuka kwimigaqo yeBhayibhile ukuba kusisono.—Efese 5:17. a
Ukungcakaza kwenziwa kukunyoluka, nto leyo ayithiyileyo uThixo. (1 Korinte 6:9, 10; Efese 5:3, 5) Abantu abangcakazayo baba nethemba lokufumana imali eziinyembezi zabanye, kodwa iBhayibhile iyakwalela ukufuna izinto zabanye.—Eksodus 20:17; Roma 7:7; 13:9, 10.
Nkqu nokungcakaza ngemali encinci kunokuvusa umnqweno ombi wokuthanda imali.—1 Timoti 6:9, 10.
Abantu abangcakazayo badla ngokuthembela kwimilingo okanye ithamsanqa. Noko ke, uThixo ukujonga njengokunqula izithixo oko, nto leyo eyahluke mpela kunqulo lwakhe.—Isaya 65:11.
Endaweni yokukhuthaza ukufumana into ongayisebenzelanga, iBhayibhile ikhuthaza ukusebenza nzima. (INtshumayeli 2:24; Efese 4:28) Abo balandela icebiso leBhayibhile ‘banokutya ukutya abazizuzele ngokwabo.’—2 Tesalonika 3:10, 12.
Ukungcakaza kunokuvusa umoya ombi wokhuphiswano, nto leyo eyalelwayo yiBhayibhile.—Galati 5:26.
a Ukungcakaza kuchazwa eBhayibhileni xa kuthethwa ngamajoni amaRoma awenza amaqashiso, okanye angcakaza kuba efuna iimpahla zikaYesu.—Mateyu 27:35; Yohane 19:23, 24.