Yiya kwinkcazelo

Athetha Ukuthini Amanani AseBhayibhileni? Ngaba Ukuvumisa Ngamanani Kusekelwe EBhayibhileni?

Athetha Ukuthini Amanani AseBhayibhileni? Ngaba Ukuvumisa Ngamanani Kusekelwe EBhayibhileni?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Amaxesha amaninzi amanani aseBhayibhileni kungathiwa anjalo nyhani, kodwa ngamanye amaxesha ayafuzisela. Into egqibayo ukuba inani liyafuzisela idla ngokuba yindawo elibhalwe kuyo. Khawucinge ngale mizekelo yamanani aseBhayibhileni afuziselayo:

  •   1 Umanyano. Ngokomzekelo uYesu wathandazela abalandeli bakhe wathi, “ndenza isicelo. . . ukuze bonke babe banye, kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe.”​—Yohane 17:20, 21; Mateyu 19:6.

  •   2 Ngokwasemthethweni, ngamangqina amabini aqinisekisa ubunyaniso bombandela. (Duteronomi 17:6) Ngokufanayo, ukuphindaphindwa kombono okanye kwento ethethiweyo kungqina ukuba loo mbandela unjalo nyhani. Ngokomzekelo, xa uYosefu wayetolika iphupha likaFaro waseYiputa, wathi: “Isibakala sokuba eli phupha liphindwe kabini kuFaro sithetha ukuba le nto imiswe ngokuqinileyo nguThixo.” (Genesis 41:32) Kwisiprofeto, ‘iimpondo ezimbini’ zimela ulawulo oluntlu-mbini, njengoko umprofeti uDaniyeli wachazelwa ngobukumkani bamaMedi namaPersi.​—Daniyeli 8:20, 21; ISityhilelo 13:11.

  •   3 JKanye njengokuba amangqina amathathu engqina ubunyaniso bombandela, into ephindaphindwe kathathu iyibethelela nangakumbi loo nto.​—Hezekile 21:27; IZenzo 10:9-16; ISityhilelo 4:8; 8:13.

  •   4 Eli nani lisenokuthetha ukuphelela kwento, njengoko umhlaba ukuze uphelele ubunjwa ‘ziimbombo ezine.’​—ISityhilelo 7:1; 21:16; Isaya 11:12.

  •   6 Eli nani liphambi nje kwelesixhenxe, lona elidla ngokubhekisela ekupheleleni kwezinto. Isithandathu sisenokuthetha into engaphelelanga okanye engafezekanga okanye enento yokwenza neentshaba zikaThixo.​—1 Kronike 20:6; Daniyeli 3:1; ISityhilelo 13:18.

  •   7 Eli nani lidla ngokubhekisela ekupheleleni kwento. Ngokomzekelo, amaSirayeli ayalelwa nguThixo ukuba ajikeleze iYeriko iintsuku ezisixhenxe ezilandelelanayo kwaye ngosuku lwesixhenxe ayijikeleze kasixhenxe. (Yoshuwa 6:15) IBhayibhile inemizekelo eliqela efana nale ngokusetyenziswa kweli nani. (Levitikus 4:6; 25:8; 26:18; INdumiso 119:164; ISityhilelo 1:20; 13:1; 17:10) UYesu waxelela uPetros ukuba umele axolele umzalwana wakhe “kungekhona, ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe kodwa, ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.” Ukuphindaphindwa kweli nani kubonisa ukuba simele sixolele ngokungapheziyo.​—Mateyu 18:21, 22.

  •   10 Eli nani linokubhekisela ekupheleleni kwento.​—Eksodus 34:28; Luka 19:13; ISityhilelo 2:10.

  •   12 Kubonakala ukuba eli nani limela ukupheleliswa kweenjongo zikaThixo. Ngokomzekelo, uYohane wabona embonweni isixeko ‘esinamatye esiseko alishumi elinesibini, kuwo ingamagama alishumi elinesibini abapostile abalishumi elinesibini.’ (ISityhilelo 21:14; Genesis 49:28) Ngokufanayo, namanani anokwahlulwa ngo-12 anokufuzisela into efanayo.​—ISityhilelo 4:4; 7:4-8.

  •   40 Eli nani lidityaniswa namaxesha okuwiswa kwezigwebo nokukhutshwa kwezohlwayo.​—Genesis 7:4; Hezekile 29:11, 12.

Ukuvumisa ngamanani

 La manani afuziselayo eBhayibhile ahlukile kukuvumisa ngamanani, okuquka ukufuna intsingiselo yamanani, okanye ingqokelela yawo kusetyenziswa umlingo. Ngokomzekelo, amaYuda aqhelisela umlingo ayejonga aze aphicothe amanani akwiZibhalo zesiHebhere, ekhangela intsingiselo efihlakeleyo yamanani ekoonobumba abahambelana namanani athile. Konke oku kukuvumisa, kwaye uThixo uyakugatya.​—Duteronomi 18:10-12.