Emva Kokuba UYesu Evusiwe Ngaba Wayenomzimba Oyinyama Okanye Ongumoya?
Impendulo esuka eBhayibhileni
IBhayibhile ithi uYesu ‘wabulawa esenyameni, kodwa wenziwa waphila [wavuswa] esemoyeni.’—1 Petros 3:18; IZenzo 13:34; 1 Korinte 15:45; 2 Korinte 5:16.
Amazwi kaYesu abonisa ukuba akunakuba wavuswa enomzimba oyinyama negazi. Wathi wayeza kunikela ‘inyama yakhe ngenxa yobomi behlabathi,’ njengentlawulelo yoluntu. (Yohane 6:51; Mateyu 20:28) Ukuba wayenomzimba wenyama xa wayevuswa, wayeya kuba uliphelisile idini lentlawulelo. Phofu ke bekungenakwenzeka oko kuba iBhayibhile ithi wanikela ngenyama negazi “kwaba kanye.”—Hebhere 9:11, 12.
Ukuba uYesu wavuswa enomzimba womoya, babeza kumbona njani abafundi bakhe?
Izidalwa zomoya zinokuba nemizimba yenyama. Ngokomzekelo, iingelosi ezayenzayo loo nto ngaphambili zazisidla yaye zisela nabantu. (Genesis 18:1-8; 19:1-3) Sekunjalo, zisezizidalwa zomoya ibe zinokuyishiya imizimba yenyama.—ABagwebi 13:15-21.
Emva kokuba evusiwe, uYesu naye wazambathisa umzimba wenyama okwexeshana, kanye njengokuba iingelosi zenzayo. Njengesidalwa somoya, wayekwazi ukubonakala kuze kuthi kusenjalo athi shwaka ngokukhawuleza. (Luka 24:31; Yohane 20:19, 26) Imizimba yenyama awayenayo yayingafani. Kangangokuba, kwanabahlobo bakaYesu abakhulu babemazi kuphela xa ethethile okanye enze okuthile.—Luka 24:30, 31, 35; Yohane 20:14-16; 21:6, 7.
Xa uYesu wabonakala kumpostile uTomas, wayenomzimba onamanxeba. Wakwenza oku ukuze omeleze ukholo lukaTomas, ekubeni uTomas wayethandabuza ukuba uvusiwe.—Yohane 20:24-29.