Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Ukubeka Umsebenzi Endaweni Yawo

Ukubeka Umsebenzi Endaweni Yawo

 Iteknoloji yenza kube lula ngabantu ukuba basoloko befumaneka. Ngenxa yoko umqeshi wakho, abantu osebenza nabo okanye abantu abakunika umsebenzi basenokucinga ukuba bamele bakufumane nanini na bekufuna. Kodwa le nto yenza kube nzima ukubeka umsebenzi kwindawo yawo.

 Oko umele ukwazi

  •   Iteknoloji ingakwenza uzibone usebenza naxa kungafunekanga usebenze endaweni yokuchitha ixesha kunye neqabane lakho. Ngenxa yoko usenokucinga ukuba qho ufowunelwa, ufumana i-imeyile okanye kungena umyalezo onento yokwenza nomsebenzi, loo nto ithetha ukuba kufuneka ukhawuleze uwuhoye.

     “Umntu wayekade ebuya emsebenzini aze ahoye intsapho yakhe. Kodwa namhlanje, uyafowunelwa aze afumane ii-imeyile ezivela emsebenzini ibe loo nto yenza kube nzima ukuba alihoye iqabane lakhe.”—UJeanette

  •   Ufanele wenze okuthile ukuze umsebenzi ungatyi ixesha lentsapho yakho. Ukuba akukho nto uyenzayo, umsebenzi ungaphazamisa ixesha ebekumele ukuba ulichitha neqabane lakho.

     “Umntu wokuqala odla ngokungamhoyi liqabane lakho ngenxa yokuba uye uthi, ‘Uza kuyiqonda imeko. Uza kundixolela. Ndiza kuba kunye naye ngelinye ixesha.”—UHolly.

 Amacebiso okubeka umsebenzi endaweni yawo

  •   Umtshato wakho mawuze kuqala. IBhayibhile ithi: ‘Abo ke uThixo abadibanisileyo, makungabikho mntu ubahlukanisayo.’ (Mateyu 19:6) Soze uvumele nabani na akwahlukanise nomntu otshate naye. Sukuvumela umsebenzi unahlukanise.

     “Abanye abantu endibasebenzelayo bacinga ukuba ngenxa yokuba bendibhatala ndimele ndisoloko ndifumaneka nanini na bendifuna. Ngenxa yokuba ndisazi ukuba umtshato wam ubalulekile ndiye ndibaxelele ukuba andifumaneki xa ndingekho semsebenzini kodwa xa ndibuyela emsebenzini, ndizokubuyela kubo ngokukhawuleza.”UMark.

     Khawuzibuze: ‘Ngaba izinto endizenzayo zibonisa ukuba umtshato wam ubaluleke ngaphezu komsebenzi wam?’

  •   Sukuwuthatha umsebenzi ngamanye amaxesha. IBhayibhile ithi: “Ubulumko bobabo bathobekileyo.” (IMizekeliso 11:2) Ukuba uthobekile uzokuyiqonda into yokuba umele uwunike omnye umntu umsebenzi okanye ungawuthathi.

     “Ndisebenza njengeplamba. Ukuba umntu andimncedi ngexesha afuna ndimncede ngalo, uba nestres. Ndiye ndimxelele ngomnye umntu onokumnceda xa ndingakwazi ukwenza loo msebenzi ngexesha afuna ngalo.”—UChristopher.

     Khawuzibuze: ‘Ukuba iqabane lam liza kuziva lingahoywanga, ngaba ndikulungele ukungawuthathi umsebenzi? Lingathini lona iqabane lam?’

  •   Zibekeleni ixesha eniza kulichitha kunye: IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo.” (INtshumayeli 3:1) Xa unomsebenzi omninzi loo nto ithetha ukuba umele ubeke ixesha ozokulichitha kunye neqabane lakho.

     “Xa sinomsebenzi omninzi, siye sivumelane ngexesha esiza kulichitha singaphazanyiswa nokuba sitya isidlo sangokuhlwa okanye siya elwandle.”—UDeborah

     Khawuzibuze. ‘Ngaba ndinexesha endilibekele ukulichitha kunye neqabane lakho kungekho ziphazamiso? Lingathini lona iqabane lam?’

  •   Cimani iifowuni neetabhlethi zenu. IBhayibhile ithi: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.” (Filipi 1:10) Ngaba ningazicima iifowuni neetabhlethi zenu ukuze ningaphazanyiswa yimiyalezo neefowuni zasemsebenzini?

     “Ndiye ndizame ukuzibekela ixesha endizokuyeka ngalo ukusebenza. Xa kufika elo xesha ndiye ndiyicime ifowuni yam.”—UJeremy.

     Khawuzibuze: ‘Ngaba ifowuni yakho imele ihlale ivuliwe kuba ucinga ukuba umphathi wakho okanye umntu omsebenzelayo uzokufowunela? Lingathini lona iqabane lam?’

  •   Yiba bhetyebhetye. IBhayibhile ithi: “Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.” (Filipi 4:5) Ngamanye amaxesha, wena neqabane lakho kusenokwenzeka ukuba nichithe ixesha nisebenza endaweni yokuba nibe kunye. Ngokomzekelo, umsebenzi owenziwa liqabane lakho usenokufuna ukuba limane lifowunelwa naxa liphumile emsebenzini. Sukufuna ukuba iqabane lakho lenze ngaphezu koko linako.

     “Umyeni wam uneshishini elincinci ibe ngamanye amaxesha kuye kufuneke ancede abantu ngokukhawuleza nasemva kokuba evalile. Ikhe indicaphukise le nto kodwa kuba sikwazi ukuchitha ixesha elininzi kunye ayindikhathazi kakhulu.”—UBeverly.

     Khawuzibuze: ‘Ngaba ndiyayiqonda into yokuba iqabane lam linomsebenzi omninzi ibe sisenokungakwazi ukuchitha ixesha kunye? Lingathini lona?’

 Isikhokelo sencoko

 Ngamnye kuni makacingisise ngale mibuzo ilandelayo. Emva koko ncokolani kunye ngeempendulo.

  •   Ngaba umntu otshate naye wakha wakukhalazela ngokusoloko usebenza naxa ubungamelanga ukuba uyasebenza? Ukuba kunjalo, ngaba uyavumelana naye?

  •   Ucinga ukuba zeziphi izinto onokuzama ukuphucula kuzo ukwenzela ukuba ubeke umsebenzi kwindawo yawo?

  •   Ngaba wakha wacinga ukuba iqabane lakho alikwazi kuwubeka kwindawo yawo umsebenzi? Ukuba kunjalo, ngaba ikhona imizekelo onokucinga ngayo?

  •   Xa kuthethwa ngokubeka umsebenzi kwindawo yawo, loluphi utshintsho, ukuba lukhona, ongathanda ukubona lusenziwa liqabane lakho?