IJW LANGUAGE
Izinto Onokuzenza KuJW Language
Iquka Iilwimi Ezininzi
Khetha ulwimi oluthethayo okanye ofuna ukulufunda kwezi lwimi ziyi-18. Khetha phakathi kwesiBengali, isiTshayina (Esenziwe Salula) esinamazwi arekhodwe ngesiMandarin, isiNgesi, isiFrench, isiJamani, isiHindi, isi-Indonesia, isiTaliyane, isiJapan, isiKorea, isiMyanmar, isiPhuthukezi, isiRashiya, iSpanish, isiSwahili, isiTagalog, isiThai nesiTurkish.
Inezinto Zentsimi
Amagama namabinzana eJW Language athetha ngokushumayela, ngokufundisa nangesigama seBhayibhile. Kukwakho namaphecana aliqela aveza ulwimi lwakho nolwimi olufundayo ngaxeshanye.
Iindlela Ezilula Zokufunda
Funda: Ulwimi lwakho nolwimi olufundayo ngaxeshanye
Phulaphula: Amagama, amabinzana noncwadi lolwimi olufundayo
Bukela: Ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? nethi Kwenzeka Ntoni Xa Kufundwa IBhayibhile? ngolwimi lwakho nangolu ulufundayo
Imibuzo: Amakhadi okuzikhumbuza
Ukugcina Ozithandayo
Uyakwazi ukugcina nantoni na ukuze ukhawuleze uyifumane, kwizinto ozisebenzisa kakhulu okanye kwezikusokolisayo. Ezo uzigcinileyo ungakwazi ukuzijonga nakumakhadi okuzikhumbuza.
Oonobumba BesiRoma
Kwiilwimi ezingasebenzisi oonobumba besiRoma, amagama namabinzana abhalwe nangoonobumba besiRoma.
Uncedo
Ukuba unengxaki neJW Language, nceda uzalise uze uthumele ifomu yoncedo.